1. Lo mgaqo-nkqubo uncanyathiselweyo uthatha indawo yebinzana elithile eliqulathwe kwiSetyhula 0077/98 ethi: General Manual for the Suspension and Expulsion of Learners from Public Schools (excluding Public Schools for Learners sent or transferred thereto in terms of the Child Care Act, 1983 (Act 74/1983, and/or the Criminal Procedure Act, 1977 (Act 51/1977)).
2. NgokomGaqo-siseko weloMzantsi Afrika, uMthetho 108/1996, kuyimfuneko ukuba kwenziwe isilungiso kuxwebhu oluqulathe imiba yezolawulo yexesha langaphambili ukuze kube nokukhuseleka amalungelo edemokhrasi abafundi abakhulelweyo wokuba bakwazi ukufikelela kwimfundo namathuba alinganayo ophuhliso njengaye namphi umfundi okubudala bokuhamba isikolo.
3. Iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ayacelwa ukuba asingathe ukukhulelwa kwabafundi ngokwemiqathango equlathwe kulo mgaqo-nkqubo ukuze abe nokuqinisekisa ngokungqamana kweziseko zentlalo (values) malunga nesidima somntu, ukulingana nokuxhamla inkululeko njengoko kubhaliwe kumGaqo-siseko.
4. Nceda uzise olu xwebhu nekopi encanyathiselweyo kwingqwalasela yabo bonke abasebenzi nabazali.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:13

UMGAQO-NKQUBO WESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI ONGOKUSINGATHWA KOKUKHULELWA KWABAFUNDI ABAKWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE  (ubukhulu: 32 KB)