A. UHLOBO LWENTLAWULO
1. Unondyebo wephondo (Provincial Treasury) ufikelele esigqibeni sokuba awarhoxise onke amalungiselelo okwenziwa kweetshekhi ngekhompyutha kunye naweetshekhi ezibhalwa ngesandla. Esi sigqibo siza kusebenza kuwo onke amasebe aphantsi koLawulo lwePhondo leNtshona Koloni, nelithi ke iSebe leMfundo leNtshona Koloni libe lelinye lawo. Kwimeko yeli Sebe leMfundo, ngenxa yeemeko zalo ezithile ezingafani konke konke nezamanye, esi sigqibo siza kuqala ukusebenza ngowoku-1 Juni 2003 lo gama kwimeko yawo onke amanye amasebe ephondo siqala ukusebenza ngowoku-1 Apreli 2003. Unondyebo wephondo sele eyalele bonke abanini beebhanki zeli phondo ukuba bangahlawuli nayiphi na itshekhi ekhutshwe emva kowama-31 Meyi 2003.
2. Oku kuthetha ukuba emva kowama-1 Juni 2003 zonke iintlawulo ziya kwenziwa ngendlela yokufakwa ngekhompyutha kwii-akhawunti (electronic funds transfers (EFTs)) okanye ngohlobo lwamalungiselelo entlawulo abizwa ngokuba yi-nominated account payment facility (NAPS).
3. Ngako oko ke ngamnye umsebenzi makabe ne-akhawunti yebhanki ekuza kufakwa kuyo ngqo umvuzo wakhe namanye amalungelo enkonzo.
4. Nceda khangela kwiSetyhula 0020/2002 yowe-14 Februwari 2002 eyayitsalela ingqondo kwimfuneko yokufaka yonke imivuzo neentlawulo ezinxulumene noku ngqo kwii-akhawunti zebhanki zabaqeshwa.
5. Njengoko kungasazi kuphindwe kukhutshwe zitshekhi ezibhalwe ngekhompyutha okanye ezibhalwe ngesandla, akusayi kuphinde kuqhutyekwe nokuqesha umntu ukuba le fom Z56 ezaliswe zonke iinkcukacha (khangela kwiSetyhula 0020/2002) ayihambi namaxwebhu engqesho achaphazelekayo (iifom A2 no A3 xa kuyimeko yootitshala nale fom Z83 xa kuyimeko yabasebenzi benkonzo karhulumente).
6. Bayacelwa kwakhona bonke abasebenzi, ingakumbi abo basahlawulwa ngetshekhi, ukuba bangenise le fom Z56 izaliswe zonke iinkcukacha ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo okuba imivuzo yabo namalungelo anxulumene nenkonzo zifakwe ngqo kwii-akhawunti zabo zebhanki.
6.1 Xa kuyimeko yootitshala, iifom Z56 ezizalisiweyo zonke iinkcukacha mazithunyelwe kulo:
Head: Education (Directorate: Personnel Management (Educators)
Private Bag X9114
Cape Town
8000
6.2 Xa kuyimeko yabasebenzi benkonzo karhulumente, iifom Z56 ezizalisiweyo zonke iinkcukacha mazithunyelwe kulo:
Head: Education (Directorate: Personnel Management (Public Service Personnel)
Private Bag X9114
Cape Town
8000

B. AMAXESHA OKWENZIWA KWEENTLAWULO

Unondyebo wephondo ukwenze kwakhona isigqibo sokuba ukufakwa kweentlawulo ngekhompyutha, kubandakanywa nezo ntlawulo zingaphumanga noninzi lomndilili weentlawulo zize zilandele kamva (supplementary payment runs) kuza kuncitshiswa kuze kwenziwa kube kanye qwaba ngeveki yaye oku kuqala ukusebenza ngoko nangoko. Ukususela ngowoku-1 Julayi 2003 kuya kuphinde kuncitshiswe ukufakwa kweentlawulo, kwenziwe kube kanye qwaba kwiiveki ezimbini. Oku kuthetha ukuba xa iifom zokutyumba abo baza kuqeshwa okanye naziphi na iifom zokufuna iintlawulo zingeniswe kade, ngokuqinisekileyo nentlawulo nayo iya kuphuma kade. Ngako oko ke kuyagxininiswa kwakhona ukubaluleka kokungeniswa kweefom zabo baza kuqeshwa nezamabango entlawulo kwangethuba ukwenzela ukuqinisekisa ngentlawulo yemivuzo namanye amalungelo enkonzo kwangexesha.


C. ZINTO NGOKUBANZI

Nceda wazise bonke abasebenzi abalapho nabezolawulo lwamaziko emfundo namacandelo okubhalwe kule setyhula.

Siya kuyivuyela kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.



ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:07

Form Z56  Application for salary to be deposited . . .  (ubukhulu: 7 KB)
Form A2  Application for a Teacher post  (ubukhulu: 11 KB)
Form A3  Nomination for appointment as Teacher  (ubukhulu: 12 KB)
Form Z83  Application for Employment - Public Service  (ubukhulu: 29 KB)