1. IsiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala neseMathematika, iSayensi neThekhinoloji zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zaziswa kuluntu nguMphathiswa weMfundo, uGqw. André Gaum, ngowe-18 Februwari 2003 nangowama-24 Matshi 2003 ngokulandelelanayo.
2. Lo gama ulwazi lokufunda, ukubhala nokubala iziintsika ezixhasa yonke ikharityhulam iphela ukususela kwiBakaka R kuye kwiBakala 12, uphando lubonise ukuba imigangatho yabafundi yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala ukususela kwiBakala R kuye kwiBakala 12 ibangela inkxalabo eMzantsi Afrika, kubandakanywa neNtshona Koloni.
3. Ezi zicwangciso zichaza indlela iSebe leMfundo leNtshona Koloni elicwangcise ngayo ukuhlangabezana nemingeni ekwezi nkalo zombini zikwacela iikhokeli zezikolo nezabahlali - ikakhulu ngakumbi, ootitshala nabazali - ukuba bakhe isiseko semfundo ezinzileyo. Ezi zicwangciso zalatha iziphumo zovavanyo lwakutsha zize zicebise umkhomba-ndlela ocacileyo kodwa olula: Ukubonelela ngamancedo ezinto zokufunda nokufundisa, ukuxhasa ootitshala nokubeka esweni inkqubo yezikolo qho emva kweminyaka emibini.
4. Amaphetshana angezi zicwangciso zibini afakwe kule setyhula.
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo kuqukwa ootitshala, abazali, abagcini babafundi kunye nabafundi okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:13

ISICWANGCISO SOKUXHOBISA NGOLWAZI LOKUFUNDA NOKUBHALA NGOWE-2002 – 2008  (ubukhulu: 38 KB)
INkqubo yeMathematika, iSayensi neThekhinoloji yowe 2002 ukuya kowe 2008  (ubukhulu: 43 KB)