UKhuphiswano loSuku lweNkcubeko eliLifa lethu olwaqaliswa kwizwelonke ngo-2002, luza kubakho kwakhona nakulo unyaka.

UMphathiswa, uNjingalwazi Kader Asmal, ucebise le mixholwana ilandelayo yokhuphiswano lwalo nyaka:

  • Kungani ndingumAfrika

  • !IKE E: /XARRA //KE (SiyiMbumba nakuba siNgafani - Unity in Diversity)

  • Ngaba umGaqo-siseko neZiseko zeNtlalo zawo ziThetha Ntoni Kum

Ukubhiyozela inkcubeko elilifa lethu kusinika amathuba okutyhila nokuhlonipha imiba yenkcubeko elilifa lethu esingadli ngakujolisa kuyo kwintlalo yethu yemihla ngemihla. Kukwasinika ithuba lokuqonda nokuvuyela ukuqhama kweentlanga ezahlukeneyo zeli lizwe lethu. Ukujolisa kumxholo wokuba ‘Kungani ndingumAfrika’ (‘Why I am an African)’ kusinceda ekuzazini kwethu ukuba singoobani na thina kweli lizwekazi lase Afrika, nelithi, lona ngokwalo, libe leliqhame kunene ngeentlanga zalo ezininzi.

Ootitshala nabafundi bePhondo leNtshona Koloni baqhuba kakuhle kakhulu kukhuphiswano lokugqibela kunyaka ophelileyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyayixhasa imibhiyozo yoSuku lweNkcubeko eliLifa lethu eyenziwa zizikolo kweli phondo yaye likhuthaza kwakhona ootitshala nabafundi ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano.

Kumele ukuba ngoku sele uyifumene le ncwadana esisikhokelo ‘UkuBhiyozela iNkcubeko eliLifa lethu’ (‘Celebrating our Heritage’) evela kwiSebe leMfundo kuzwelonke. Ukuba ngaba akunjalo, nceda qhagamshelane no-Ms Claire Dyer, National Department of Education (South African History Project), Tel: 012 312 5020.

Ixesha elisikiweyo lokuthumela iifom zamangenelo kolu khuphiswano kukuphela kukaMeyi 2003. Iifom zamangenelo zikwincwadana leyo. Ezi fom mazithunyelwe ngefeksi ku-Ms Gail Weldon kule nombolo yefeksi 021 467 2258.



ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:09