1. ngokuchanekileyo Ngokwemigaqo yalo Mthetho okhankanywe apha ngasentla nosele usebenza, nawuphi na umntu unokwenza isicelo sokufikelela nakuyiphi na ingcaciso okanye iirekhodi ezigcinwe okanye eziphantsi kolawulo, phakathi kwezinye izinto, lweziko likarhulumente nenokusetyenziswa nguloo mntu xa asebenzisa okanye akhusela amalungelo akhe. Nakuba kunjalo, lo Mthetho ukwabonelela ngomqathango othintela eli lungelo kwimeko apho ukwalela ubani ukuba afikelele kwingcaciso ethile okanye kwiirekhodi ezithile kunokuthathwa njengesizathu esifanelekileyo. Lo Mthetho ukhankanywe ngasentla uyafumaneka apha Government Printing Works, 90 Plein Street, Cape Town, 8001 (ifoni (021) 465-7531).
2. Ngasinye isikolo okanye ikholeji, ngokwenkcazo yegama elithi “iziko likarhulumente” (kumhlathi (b)) kwisiqendu 1 somthetho okhankanywe ngasentla, sithathwa ngokuba liziko likarhulumente elahlukileyo (ize inqununu ithathwe ngokuba ligosa lengcaciso).
3. Ngenjongo yokuba zisingathwe izicelo zexesha elizayo ezilolu hlobo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kufaka isikhokelo esinengcaciso ebanzi, kodwa ecacileyo kweli ziko lewebhu yeSebe eli kungekudala eyile WCED-Web page (wced.wcape.gov.za).  (Olu xwebhu luyafunaneka apha.) . Njengoko esi isisikhokelo nje kuphela, izikolo neekholeji maziqaphele ukuba, njengamaziko karhulumente ahlukileyo, maziziqulunqele ezazo iinkqubo neendlela zokusingatha ezi zicelo.  Luxanduva lwenqununu nganye njengegosa lengcaciso ukuqinisekisa ukuba imigaqo yalo Mthetho ukhankanywe apha ngasentla iyaphunyezwa.  Iikopi ezingamaphepha zesi sikhokelo ziya kufunyanwa kuphela zizikolo ezingakwaziyo ukufikelela kwi-intanethi.  Ukanti enye indlela enokusetyenziswa, ezi zikolo zinako ukufumana iikopi ezingamaphepha kwizikolo ezimelene nazo ezikwaziyo zona ukufikelela kwi-intanethi.
4. Nceda wazise oosihlalo bamabhunga olawulo nabo bonke abanye abantu abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.


GETEKEN: A.J. VAN NIEKERK
HOOF: ONDERWYS
DATUM: 2003:05:14