1. Intlawulo yezibonelelo zeshifti yasebusuku kwiimeko apho abasebenzi kulindeleke ukuba basebenze phakathi kweyure ye-19:00 yosuku oluthile neyesi-07:00 yosuku olulandelayo, yimeko yengqesho ekhoyo nechazwe kuxwebhu lwemiGangatho eMiselweyo yezoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administration Standard (PAS) nekuthe kwakhona kwenziwa isibonelelo sayo kwiSigqibo 3/99.
2. Bonke abasebenzi abasebenza qho iishifti zasebusuku banelungelo lokufumana isibonelelo semali esinjongo sayo iyimbuyekezo kubantu ngenxa yenkxamleko enxulumene nokusebenza ebusuku. Okwangoku intlawulo eqingqiweyo yi-R1,33 ngeyure. Abasebenzi abangasebenzi qho iishifti zasebusuku okanye abafumana isibonelelo semali yeshifti abafakwangakwizibonelelo zentlawulo yeshifti yasebusuku.
3. Iintloko zamacandelo nezamaziko maziqinisekise ukuba kungeniswa izicelo zamabango kwimeko apho abasebenzi benza inkonzo yasebusuku njengoko intlawulo yezibonelelo ingasinto enikwa wonke umntu nezenzekelayo. Makungeniswe izicelo zamabango, kwakunye neekopi zeerejista zokuza emsebenzini, emazitshekishwe zingqinwe ukuba zezichanekileyo ziintloko zamacandelo okanye zamaziko, ukuze i-ofisi yezabasebenzi ibe nokuqinisekisa ukuba ngaba ingagunyaziswa na intlawulo nokuba zingaphi na iiyure ezisetyenziweyo. Nangona oku kuyimeko yengqesho emiselweyo, ngumsebenzi we-ofisi yabasebenzi ukubanolawulo negunya kulo mba nekufuneka iwenze lo msebenzi xa kungeniswa izicelo zamabango.
4. Nceda wazise bonke aBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (abangezotitshala) okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:05