1. NgokweMithetho eFakela iziLungiso kuMthetho weMfundo, njengangoku kufakelwa izilungiso kwiziqendu ezithile zoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (UMthetho 84 wowe-1996) (South African Schools Act) (Act 84 of 1996), okuthe ke oku kwabangela ukuba le migqaliselo elapha ngasentla eyayipapashwe kwiGazethi yePhondo eYodwa 5161 yowesi-8 Agasti 1997, ilungiswe apha naphaya ukungqinelana noku.
2. Okuqhotyoshelwe apha yikopi yale migqaliselo ehlaziyiweyo epapashwe kwiGazethi yePhondo eYodwa 6001 yowama-29 Apreli 2003. Le migqaliselo ithatha indawo yaleyo ekhankanywe kumhlathi 1.
3. Nceda wazise oosihlalo bamabhunga olawulo ezikolo nabo bonke abanye abantu abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-A.J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:07


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).