INKOMFA YAMABHUNGA AMELE ABAFUNDI, 2003

ICandelo loLawulo lweMfundo noPhuhliso lwezoLawulo (Education Management and Governance Development): LoPhuhliso lwaBasebenzi (Human Resource Development) lilungiselela inkomfa eyodwa (unique conference) yamaBhunga aMele aBafundi (RCLs) ukususela ngowama-30 Juni kuye kowesi-2 Julayi 2003..

Ilungu elinye leBhunga eliMele aBafundi ngalinye kuzo zonke izikolo ezizisekondari, ezidibeneyo (combined), eziphakathi (intermediate) nezeMfundo eneeMfuno eziZodwa (ELSEN) zaseNtshona Koloni, liya kufumana ithuba lokuza kwesi siganeko sibaluleke kangaka. Abathunywa baya kunikwa ithuba lokuxoxa bavakalise izimvo zabo malunga nendima edlalwe yinkqubo yedemokhrasi entsha kulawulo lwezikolo kule minyaka mithandathu idlulileyo.

Umxholo wale nkomfa ngulo UKUMILISELA NZULU IDEMOKHRASI.

INJONGO YENKOMFA
Injongo yale nkomfa kukudala ithuba lokuba iinkokeli zolutsha

  • zaziswe ngeendlela zamvanje zobukhokeli nothatho-nxaxheba luluntu olungqonge isikolo;

  • zabelane ngeendlela ezisebenzayo zokulawula amabhunga amele abafundi;

  • zaziswe ngeentlobo ngeentlobo zeeprojekthi ezinganqwenela ukuziqhuba kwizikolo zazo;

  • zivuyele ukubaluleka kobunkokeli bolutsha kwidemokhrasi esentsha;

  • zaziswe ngeendlela zokuncedisa isikolo ekudlaleni indima yaso;

  • zithathe inxaxheba ekuqulunqeni umgaqo-nkqubo, ekwenzeni izigqibo nakwimiba yobunkokeli echaphazela ulutsha;

  • ziqaphele iimfuno zolutsha, imingeni, oko likunqwenelayo namathuba afumanekayo; yaye/li>

  • ziqalise ukusekwa kweekomiti neeprogram zokuhlangabezana neemfuno zolutsha olusahamba isikolo.

Ayakhuthazwa amabhunga amele abafundi ukuba axoxe ngeenjongo zale nkomfa ukwenzela ukuncedisa umthunywa wawo ukuba abe nako ukwenza igalelo elibonakalayo kwinkomfa.

UKHUPHISWANO LWELOGO
Bayacelwa bonke abafundi ukuba bathathe inxaxheba kukhuphiswano lokuyila ilogo ebonisa umxholo wenkomfa. Ziza kulandela ngokukhawuleza iinkcukacha zokhuphiswano.

IBHANILE (BANNER) YENKOMFA
Ngalinye ibhunga elimele abafundi elithatha inxaxheba liya kucelwa ukuba liyile ibhanile yenkomfa kwilaphu lekalikho elibukhulu buyi-A4. Ibhanile leyo mayazise yaye ixhase ukubaluleka kwenkomfa. Iibhanile ezahlukeneyo ezenziwe ngamabhunga amele abafundi ziya kudityaniswa zenze ibhanile esemthethweni yenkomfa neya kuboniswa apho enkomfeni. Iza kulandela ngokukhawuleza iingcaciso engaphezulu emalunga nokungeniswa kweebhanile.

IKOMITI EQUQUZELELAYO
Kusekwe ikomiti eququzelelayo eyenziwe ngootitshala ababini abangamagosa onxibelelwano kwi-EMDC nganye. Le komiti idibana qho ukuncedisa kumalungiselelo enkomfa le yaye kungaqhagamshelwana nayo xa kufunwa iinkcukacha ezingaphezulu.

Ayakhuthazwa amabhunga amele abafundi ukuba aqhagamshelane namalungu eekomiti zawo ukuba afuna ingcaciso.

Nanga amagama amalungu ekomiti:

EMDCIGAMAISIKOLO
Central Bennie Isaacs
Gerald Johannes
Cape Town High School
Spes Bona High School
East Tony Marshall
Madoda Mahlutshane
Strand High School
Khanyolwethu Secondary School
North Desmond Carolus
Arnold Smith
Elswood Secondary School
Bishop Lavis Secondary School
South Howard Maggot
Anneline Carnow
Lavender Hill Secondary School
Mondale Secondary School
Breede River-Overberg Gerrit Moelich
Reginald Piedt
De La Bat School for the Deaf
Langeberg Secondary School
South Cape-Karoo Vernalda Hartnick
Gaynor Treurnicht
Sao Bras Secondary School
Great Brak River Secondary School
West Coast-Winelands Helene Peasnall
Rose Ruiter
Girls’ High School, Paarl
Weston Secondary School

Niza kuzifumana kungekudala iinkcukacha ezingaphezulu malunga nenkomfa kwakunye neefom zobhaliso.



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:04:24