1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko, ngokubambisana ne-Library and Information Association of South Africa (LIASA), libhengeze ukuba iVeki yeLayibrari yeSikolo yaseMzantsi Afrika (SALW) ka-2014, iya kubhiyozelwa ukususela nge-17 - 23 Matshi 2014 lisebenzisa umxholo othi, "Celebrating Libraries in 20 years of Democracy: Check in @your library!" ("Ukubhiyozela iiLayibrari kwiminyaka engama-20 yedemokhrasi": "Ngena kwilayibrari yakho!")

2. Lo mxholo unika ithuba lokuba kugxininiswe kwezi zinto zilandelayo:
2.1 Ukubhiyozela indima yeelayibrari kule minyaka engama-20 yedemokhrasi yaseMzantsi Afrika.
2.2 Ukuqaqambisa indlela ezithi iilayibrari zenze ngayo libe yinto eyenzekayo ngokwenene ilungelo lenkululeko yokufikelela kwingcaciso, njengoko liqulathwe kuMqulu wamaLungelo oLuntu.
2.3 Ukukhuthaza ukwakhiwa kwesizwe nophuhliso loluntu ngokuvula iingcango zokufunda zivulelwe bonke abantu.
2.4 Ukubonisa ngeelayibrari njengeendawo ezinqwenelekayo zokuqhubela phambili ngolwazi lokufunda nokubhala ngokusebenzisa uphuhliso lwengqondo nengqiqo yezobugcisa kuzo zonke izigaba zobudala. Kwakunye nokubonelela ngokwazi ukufikelela kulwazi nakwingcaciso yamazwe ngamazwe ehlabathi (global knowledge and information) ekwiimo ezahlukeneyo ukuqhubela phambili ezophando nokudala ulwazi olutsha.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likhuthaza ootitshala ukuba basebenzise iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezifumanekayo zeSebe iWCED kunye ne-LIASA’s School Library and Youth Services Interest Group (SLYSIG) ukubhiyozela iVeki yeLayibrari yaseMzantsi Afrika ngokwenza ezi zinto zilandelayo:
3.1 Ukutyelela iilayibrari zezikolo neelayibrari zikawonkewonke kwiVeki yeLayibrari.
3.2 Ukuthumela "iiselfi" (iifoto zabo buqu) "nokungena" kwiilayibrari ngenye yeendlela okanye ngezinye zeendlela zamaqonga onxibelelwano nabanye (social media platforms) –

  • SLYSIG's Facebook page: www.facebook.com/SLYSIG
  • SLYSIG's Twitter handle: @SLYSIG
  • LIASA News' Twitter handle: @LIASANews
  • Readabook SA's Twitter handle: @ReadaBookSA
  • WCED News' Twitter handle: @WCEDNews
3.3 Ukuya kwitheko likawonke-wonke eliya kuqhubeka ngo-10:00 ngoMgqibelo we-15 Matshi 2014 e-Company Gardens lokumisela ngokusesikweni iVeki yeLayibrari yaseMzantsi Afrika. Le program iya kubandakanya ukubaliselana amabali, imidlalo nezinye iintlobo zokuvakalisa ezobugcisa malunga neelayibrari nokunye okumelwe zizo.

4. Kukwakhuthazwa ootitshala ukuba basebenzise iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezifumanekayo zeSebe iWCED. Ezi nkonzo zibandakanya iNkonzo yeLayibrari u-EDULIS (kwiLayibrari yakwaNdlunkulu eseBellville, amaziko angoovimba beencwadi ezithili, iilayibrari eziziimobhayili needepho) kunye no-EDULIS School Library Service.
4.1 Ezi zibonelelo zokuNcedisa ukuFunda nokuFundisa (LTSM) zilandelayo ziyafumaneka xa zibolekwa ngabo nabo titshala, ziinqununu nangamagosa ezithili, okanye xa zibolekwa ziliqela zizikolo (block loans):

  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nophuhliso lolwazi lokufunda nokubhala nemathemathika (literacy and mathemathics development), (uninzi lwazo zinokufotokotshwa);
  • Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam;
  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli ezikolweni;
  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yemfundo
  • nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo;
  • Izinto zokufunda ezichaphazela imiba ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwazi
  • lokufunda nokubhala nemathemathika, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela abo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), i-HIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome)
  • Izinto zokufunda ezijolise ngakumbi kubafundi (ezibandakanya iincwadi zemifanekiso)
  • neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala) abanokuzisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods)), eziye zaphononongwa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo; kunye
  • Nezixhobo zemidiya eziintlobo ngeentlobo (multimedia) ezinjengeevidiyo, iiDVD, ii-odiyo-khasethi, iiCD, iiCD-ROM ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukutyebisa nokuxhasa ukufunda nokufundisa eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).
4.2 Kungaqhagamshelwana nala magosa alandelayo akwa-EDULIS nakwizithili zemfundo malunga ne-LTSM elapha ngasentla:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville Ifoni 021 957 9617
Cheryl Joseph Kuils River Resource Centre,
Metro East Education District
Ifoni 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Brian O’Connell Resource Centre,
Metro South Education District
Ifoni 021 370 2084
Jennifer Caroto Metro North Resource Centre,
Metro North Education District
Ifoni 021 938 3197
Sara Clegg Makhosandile Ndzuzo Resource Centre,
Overberg Education District
Ifoni 028 214 7387

5. Ezi Nkonzo zeLayibrari yeSikolo zilandelayo ziyafumaneka kootitshala nasezikolweni:

  • Uphononongo nengcebiso ngezibonelelo zokuncedisa zelayibrari ezinxulumene nekharityhulam zokuxhasa iiprogram zolwazi lokufunda nokufunda nolwazi lokubala;
  • Isikhokelo ngokuthengwa kwezibonelelo zokufunda zelayibrari kusetyenziswa iingxowa ezabiwa ngokweMimiselo neMigangatho neengxowa-mali zezikolo ngokwazo;
  • Iinkqubo zokukhuthaza ukufunda ngokuhambela izikolo ukuya kwenza iintetho ngeencwadi;
  • Iiseshoni zokunika ulwazi ootitshala besikolo njengenxalenye yophuhliso kumsebenzi wabo;
  • Ukuncedisa ekuhleleni kakuhle (cataloguing) izibonelelo zelayibrari ezilungiselelwe iilayibrari zesikolo;
  • Inkxaso yophuhliso nosetyenziso lweelayibrari zesikolo; kunye
  • Noququzelelo nenkxaso yoqeqesho olusisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kootitshala abalawula iilayibrari zesikolo.
6. Kungaqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngokumalunga neeNkonzo zeLayibrari yeSikolo:

Faith Lawrence School Library Adviser,
West Coast Education District
Ifoni 021 860 1562
Janine Ontong School Library Adviser,
Cape Winelands Education District
Ifoni 023 348 4657
Sara Clegg School Library Adviser,
Overberg Education District
Ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto School Library Adviser,
Metro North Education District
Ifoni 021 938 3197

7. Ngenxa yokungabikho kwabacebisi ngezelayibrari yesikolo kwizithili ezininzi, ukuphendula kwizicelo ezininzi ezivela kootitshala becela ingcebiso ngezelayibrari yesikolo, kungaqhagamshelwana naba basebenzi bakwa-EDULIS eBellville okweli thuba:

Rose Damon INtloko eBambeleyo: kwa-EDULIS
Eden & Central Karoo Education District
Metro East Education District
Ifoni 021 957 9626
Theresa de Young UMququzeleli weeNkonzo zeLayibrari yeSikolo
Metro Central Education District
Metro South Education District
Ifoni 021 957 9638

8. Ziyakhuthazwa izikolo ezineelayibrari zesikolo ukuba ziqhagamshelane nelayibrari kawonke-wonke ekufutshane naloo ndawo inesikolo ngenjongo yokusebenzisana ngethuba leVeki yeLayibrari yeSikolo.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:25