1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko, ngokubambisana ne-LIASA (Library and Information Association of South Africa), libhengeze iveki ye-16 – 23 Matshi 2013 njengeVeki yeLayibrari yeSikolo yaseMzantsi Afrika, lisebenzisa umxholo othi "Zixhobise ngeMfundo kwiLayibrari Yakho" ("Education Yourself @ Your Library").

2. Lo mxholo ugxininisa into yokuba iilayibrari bezisoloko zidlala indima ebalulekileyo kwimfundo nasekuziphuhliseni komntu ngokwakhe. Kwakhona unika ithuba lokutsala ingqondo zabantu beli ilizwe, zeenkokeli zasekuhlaleni nezabenzi bezigqibo kwindima edlalwa ziilayibrari ekufundiseni abahlali nesizwe.

3. Kukhuthazwa ootitshala ukuba basebenzise iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezifumanekayo zeSebe iWCED. Ezi nkonzo zibandakanya iNkonzo yeLayibrari u-EDULIS (kwiLayibrari yakwaNdlunkulu eseBellville, amaziko angoovimba beencwadi ezithili, iilayibrari eziziimobhayili needepho) kunye no-EDULIS School Library Service.

4. Ezi LTSM zilandelayo ziyafumaneka xa zibolekwa ngabo nabo titshala, ziinqununu nangamagosa ezithili, okanye xa zibolekwa ziliqela leencwadi zizikolo (block loans):
4.1 Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nezokuphuhlisa ulwimi nemathemathika (language and mathemathics development), (ezininzi kuzo kungenziwa iifotokopi)
4.2 Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam
4.3 Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli ezikolweni
4.4 Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yezemfundo nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo
4.5 Izinto zokufunda ezingemibandela ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwimi nemathemathika, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela abo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), iHIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome)
4.6 Izinto zokufunda ezijolise kubafundi (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala abangazisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods)), eziye zajongisiswa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo
4.7 Iividiyo, iiDVD, ii-odiyokhasethi, iiCD, iiCD-ROM nezixhobo zemidiya ezintlobo ngeentlobo (multimedia) ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukuqhamisa nokuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).

5. Kungaqhagamshelwana nala magosa alandelayo akwa-EDULIS nakwizithili zemfundo malunga noku kulapha ngasentla:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville Ifoni: 021 957 9617
Cheryl Joseph Kuils River Resource Centre, Metro East Education District Ifoni: 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Brian O'Connell Resource Centre, Metro South Education District Ifoni: 021 370 2084
Jennifer Caroto Metro North Resource Centre, Metro North Education District Ifoni: 021 938 3197
Sara Clegg Makhosandile Ndzuzo Resource Centre, Overberg Education District Ifoni: 028 214 7387

6. Ezi Nkonzo zeLayibrari yeSikolo zilandelayo ziyafumaneka kootitshala nasezikolweni:
6.1 Uvavanyo nengcebiso ngezibonelelo zokuncedisa zelayibrari ezinxulumene nekharityhulam zokuxhasa iiprogram zolwimi nemathemathika
6.2 Isikhokelo ngokuthengwa kwezibonelelo zokufunda zelayibrari kusetyenziswa iingxowa ezabiwa ngokweMimiselo neMigangatho neengxowa-mali zezikolo ngokwazo
6.3 Iinkqubo ezikhuthaza ukufunda ngokuhambela izikolo ukuya kwenza iintetho ngeencwadi
6.4 Iiseshoni zokunika ulwazi ootitshala besikolo njengenxalenye yophuhliso kumsebenzi wabo
6.5 Ukuncedisa ekuhleleni kakuhle(cataloguing) izibonelelo zelayibrari ezilungiselelwe iilayibrari zesikolo
6.6 Inkxaso yophuhliso nosetyenziso lweelayibrari zesikolo
6.7 Uququzelelo nenkxaso yoqeqesho olusisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kootitshala abalawula iilayibrari zesikolo.

7. Kunokuqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngokumalunga neenkonzo zelayibrari yesikolo ezidweliswe kumhlathi 6 apha ngasentla:

Faith Lawrence School Library Adviser, West Coast Education District Ifoni: 021 860 1562
Janine Ontong School Library Adviser, Cape Winelands Education District Ifoni: 023 348 4657
Sara Clegg School Library Adviser, Overberg Education District Ifoni: 028 214 7387
Jennifer Caroto School Library Adviser, Metro North Education District Ifoni: 021 938 3197

8. Ukuphendula kwizicelo ezininzi ezivela kootitshala becela ingcebiso ngezelayibrari yesikolo, kungaqhagamshelwana naba basebenzi bakwa-EDULIS balandelayo okweli thuba:

Eden & Central Karoo Education District and Metro East Education District:
Rose Damon EDULIS, Bellville Ifoni: 021 957 9626
Metro Central Education District and Metro South Education District
Theresa de Young EDULIS, Bellville Ifoni: 021 957 9638

9. Izikolo ezineelayibrari zesikolo ziyakhuthazwa ukuba ziqhagamshelane nelayibrari kawonke-wonke ekufutshane naloo ndawo inesikolo ngenjongo yokusebenzisana ngethuba leVeki yeLayibrari yeSikolo.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2013:03:06