1. Umbutho i-International Association of School Librarianship (IASL), ubhengeze inyanga ka-Oktobha njengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe (International School Library Month (ISLM)). Ngo-Oktobha 2012, iilayibrari zezikolo kwihlabathi liphela naseMzantsi Afrika, ziya kuba zibhiyoza zize zazise ngeenkonzo zeelayibrari nengcaciso ezikolweni phantsi kwalo mxholo: "Iilayibrari zezikolo: Isitshixo esikuthatha sikuse kwixesha elidlulileyo, elangoku nelizayo".

2. Ukwenzela ukuba kubhiyozelwe ukubaluleka kweelayibrari zezikolo ngeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe, kukhuthazwa abo balawula iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele ukuba bakhethe usuku oluthile ngo-Oktobha 2012 olulungela kakuhle imeko leyo yabo.

3. Kucelwa nifunde amaxwebhu aqhotyoshelweyo
3.1 aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na i-ISLM ngo-2012
3.2 anamaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo, kunye
3.3 nenguqulelo esemthethweni yelogo ye-ISLM yokusetyenziswa kwizinto zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). Qaphela ukuba le logo yeyokusetyenziselwa ukupapasha i-ISLM kuphela, ayenzelwanga iinjongo zorhwebo.

4. U-EDULIS School Library Services unezi nkonzo zilandelayo:
4.1 Ukuququzelela nokunika inkxaso kuphuhliso nosetyenziso lweelayibrari zezikolo.
4.2 Ukuququzelela nokunika inkxaso kuqeqesho kwizinto zokuqala ezisisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kwabo titshala abaphethe iilayibrari zezikolo.
4.3 Ukuvavanywa nokucetyiswa kwezinto zokufunda zelayibrari ezinxulumene nekharityhulam ukwenzela ukunika inkxaso iiprogram zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala (literacy and numeracy programmes).
4.4 Ukunika inkxaso nokuququzelela iiprojekthi ezizodwa zeelayibrari zezikolo.
4.5 Ukunika inkxaso nengcebiso ekuthengweni kwezibonelelo zelayibrari ngemali evela kwingxowa yoLwabiwo-mali ngokweMigaqo neMigangatho nakwingxowa yayo.
4.6 Ukunika ingcebiso kootitshala nakubafundi ngokufunda (reading).
4.7 Ukukhuthaza ukufunda ngokutyelela izikolo ukuya kwenza iintetho malunga neencwadi.
4.8 Ukukhuthaza iinkqubo zokwazisa uluntu ngelayibrari yohlobo olulodwa (special library), ngolwazi lokufunda nokubhala, ngokufunda neziganeko ezingeencwadi (book events), ezinjengeNyanga yeLayibrari yeSikolo (ngo-Oktobha) nangoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi Jikelele (qho ngowe-23 Apreli).
4.9 Ukwenza iiseshoni zokuqhelaniswa nomsebenzi (orientation sessions) zenzelwe ootitshala besikolo njengenxalenye yophuhliso lwabo kumsebenzi abawuqeqeshelweyo.
4.10 Ukuncedisa ngokufaka kwiikhathalogu izinto zokufunda zeelayibrari zezikolo.

5. Kungaqhagamshelwana nala magosa akwa-EDULIS nawezithili alandelayo ngokumalunga nezi nkonzo zidweliswe kumhlathi 4 apha ngasentla:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville ifoni 021 957 9617
Cheryl Joseph Kuils River Resource Centre, I-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro East ifoni 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Brian O’Connell Resource Centre, I-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro South ifoni 021 370 2084
Faith Lawrence UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo, I-Ofisi yeSithili seMfundo iWest Coast ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo, I-Ofisi yeSithili seMfundo iCape Winelands ifoni 023 348 4657
Sara Clegg UMcebisi ngezeLayibrari yeSikolo, I-Ofisi yeSithili seMfundo iOverberg ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo, I-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro North ifoni 021 938 3197

6. Njengoko engekho umcebisi ngezeelayibrari zezikolo kwizithili ngezithili yaye ukuphendula izicelo ezininzi ezivela kootitshala abasezikolweni abacela iingcebiso ngelayibrari yesikolo, okwakalokunje kungaqhagamshelwana naba basebenzi bakwa-EDULIS balandelayo:

kwiSithili seMfundo i-Eden & Central Karoo nakwiSithili seMfundo i-Metro East:
Rose Damon EDULIS, Bellville ifoni 021 957 9626
kwiSithili seMfundo i-Metro Central nakwiSithili seMfundo i-Metro South:
Theresa de Young EDULIS, Bellville ifoni 021 957 9638

7. U-EDULIS Library ubolekisa ngeqela leencwadi ngaxeshanye (block loans) ezikolweni ukuxhasa iilayibrari zezikolo. Iiyure zokuvula zale layibrari zezi zilandelayo:

Ngeentsuku zeveki: 07:30 - 16:30
NgeMigqibelo: 09:00 – 12:00
Uyavula: Ngeentsuku zeeholide zesikolo
Uyavala: Ngeentsuku zeeholide zikawonke-wonke nezithile


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEZOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2012:09:18

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 40 KB)
"Official version of the ISLM logo"  (ubukhulu: 89 KB)