1. Ngokungqinelana nenjongo ephambili yeSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka liqinisekise ukuba bonke abafundi baneencwadi zezifundo (textbooks) nezinto zokubhala eziyimfuneko ekuqaleni konyaka wesikolo ka-2013.

2. Ukuphumeza le njongo, ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba iirikhwizishini zezikolo zazo zezincedisi zokufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) zingeniswa kwi-Ofisi yoku-Odola i-LTSM ungadlulanga owe-24 Agasti 2012.

3. Izikolo zikarhulumente zinikwe ithuba loku-odola iincwadi zezifundo kwisifundo ngasinye kuzo zonke izifundo (ngaphandle kwezi iZakhono zoBomi noLwazi ngezoBomi) kwinkqubo yoku-odola kwi-CEMIS nakwi-iSAMS. Ii-odolo zamaBakala 4 no-6 kufuneka zingeniswe ungadlulanga owe-15 Agasti 2012.

4. ISebe iWCED likhethe i-LTSM ebalulekileyo emayi-odolwe kuqala nedwelise apha ngezantsi. Kufuneka izikolo eziNgekho Phantsi kweSiqendu 21 zisebenzise imali eshiyekileyo ye-LTSM esisabelo sazo (esikhutshwa ngokweMimiselo neMigangatho (Norms & Standards)) uku-odola ezi ncwadi.

  • Incwadi yesifundo seZakhono zoBomi (amaBakala 4 – 6) okanye yoLwazi ngezoBomi (kwiBakala 11) ngomfundi ngamnye
  • Izikhokelo zootitshala zokongezelela zamaBakala 4 – 6 no-11
  • Incwadi i-Foundation Phase Phonics Programme kwiKhathalogu kaZwelonke (National Catalogue)
  • Iincwadi zokufunda ii-core readers/okanye ii-reading schemes zamaBakala 4 – 6 kwiKhathalogu kaZwelonke
  • Iincwadi zokufunda zokongezelela (top-up readers) nee-reading schemes zamaBakala 4 – 3 no-10 kwiKhathalogu kaZwelonke

Le fom yekhwizishi eqhotyoshelwe apha inokusetyenziselwa le njongo.


5. Makulandelwe iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo zizikolo eziphantsi kweSiqendu 21 nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (Section 21 and non Section 21 schools), njengoko kucacisiwe kwiiSetyhula zeSebe iWCED 0003 no-0004 zika-2012.

6. Ziyakhunjuzwa kwakhona izikolo ukuba zibe nenkqubo yolawulo losetyenziso nokubuyiswa kweencwadi zezifundo ngabafundi esebenza ngempumelelo (efficient textbook management system) ukuqinisekisa ukuba iincwadi zezifundo zigcinwa ubuncinane iminyaka emithathu.

7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEZOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:17

"Requisition for LTSM"  (ubukhulu: 29 KB)