1. Lo gama iNkcazelo yomGaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) isaqaliswa iincwadi zezifundo neencwadi zomsebenzi ezintsha (new textbooks and workbooks), ezihambelanayo ngqo neCAPS, zisabhalwa.
2. Amagosa atyelela izikolo aqaphele ukuba iincwadi zezifundo (textbooks) ezingahambelaniyo mbo neCAPS zixine indawo kumagumbi okugcina izinto ngokunqatyisiweyo ezikolweni.
3. Iincwadi zezifundo ezingayi kusetyenziswa kwixesha elizayo mazibhalwe kwirejista yezilahlwayo zichazwe kwi-ofisi yesithili semfundo.
4. Irejista yee-asethi mayihlaziywe ngokutsha ukubhala phantsi ezo ncwadi zilahlwayo.
5. Ii-ofisi zezithili zemfundo zinokunika imvume ezikolweni yokukhuphela abafundi iincwadi zezifundo ezingasasetyenziswayo eziya kusetyenziswa ngendlela eya kuncedisana neencwadi zezifundo ezintsha kunye/okanye ukulahlwa kweencwadi zezifundo ezingasasetyenziswayo nezonakeleyo.
6. Izikolo ezineencwadi zezifundo neencwadi zomsebenzi ezingaphezulu ezihambelanayo mbo neCAPS mazizalise le fom iqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) zize ziyibuyisele kumququzeleli we-LTSM kwii-ofisi zesithili zemfundo zazo (Funda isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo samagama ala magosa.)
7. Ukuba isikolo asiyizalisi size siyibuyisele le fom iqhotyoshelweyo, kuya kuthathwa ukuba isikolo eso asinazincwadi zezifundo okanye zincwadi zomsebenzi ezingaphezulu ezikhoyo ezihambelanayo ngqo neCAPS.
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2012:08:17

isiHlomelo A: "Excess CAPS-aligned Textbooks and Workbooks"  (ubukhulu: 107 KB)
isiHlomelo B: "District LTSM Co-ordinators"  (ubukhulu: 15 KB)