1. Ukusiwa kuka-Volume 1 weencwadi zomsebenzi ezikolweni kwagqitywa nge-13 Februwari 2012. Izikolo ezathi zanengxaki yokushotelwa ziincwadi, yokuziselwa iincwadi ezingachanekanga okanye yokungafumani zincwadi konke zazicetyiswe ukuba ziqhagamshelane nee-ofisi zezithili zemfundo zazo ezichaphazelekayo ukufumana iikopi ezongezelelweyo nokutshintsha ezingachanekanga.

2. Sele kuqalile ukusiwa kuka-Volume 2 kwaye kufanele ukugqitywa nge-23 Matshi 2012. U-Volume 2 unezi zinto zilandelayo:

  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1 - 6 zoLwimi lwaseKhaya (Home Language workbooks)
  • Iincwadi zomsebenzi zeMathematika zamaBakala 1 - 9 ngolwimi lokufunda nokufundisa (LOLT)
  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1 - 6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (IsiNgesi)
  • Iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1 - 3 zeZakhono zoBom ngeLoLT.
3. U-Volume 2 uya kusetyenziswa ukususela ekuqaleni kwekota yesithathu. Ziyacetyiswa iinqununu ukuba zizigcine iincwadi zomsebenzi ngokhuselekileyo de zinikwe abafundi ngexesha elifanelekileyo.

4. Ngethuba kusisiwa uVolume 2, isikolo ngasinye siya kufumana ifom yokuvuma ukuba zizisiwe iincwadi nekufuneka izaliswe ize ibuyiselwe kwi-ofisi yesithili. Ukuba kuthe kwakho naziphi na iincwadi ezishotayo, ezingaphezu kwemfuneko, iincwadi ezingachanekanga okanye akukho zincwadi zizisiweyo nje kwaphela, kufuneka isikolo, ke ngoko, sikuripote kwakhona oku ngoko nangoko kwiziko leefoni likazwelonke kule nombolo yefoni 012 667 8877 okanye 086 126 8889.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2012:03:14