1. Umbutho i-International Association of School Librarianship (IASL), ubhengeze inyanga ka-Oktobha njengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe (International School Library Month (ISLM)). Ngo-Oktobha 2011, iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele naseMzantsi Afrika, ziya kuba zibhiyozela zize zikhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezikolweni phantsi kwalo mxholo: "IILAYIBRARI ZEZIKOLO ZIXHOBISELA ABAFUNDI UBOMI" ("SCHOOL LIBRARIES EMPOWER LEARNERS FOR LIFE").

2. Inyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe iya kubavumela abo balawula iilayibrari zezikolo ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2011 olulungela imeko yabo ethile ngeyona ndlela ibhetele ukwenzela ukuba babhiyozele ukubaluleka kweelayibrari zezikolo.

3. ISebe iWCED likhuthaza izikolo eziseke iilayibrari zesikolo zazo kutshanje ukuba zibhiyozele impumelelo yazo ngokuthi ziphehlelele iilayibrari zesikolo zazo ngale nyanga ka-Oktobha 2011. Kucelwa wazise umcebisi ngezelayibrari yesikolo wesithili semfundo sakho ukuba uceba ukwenjenjalo.

4. Kucelwa nifunde amaxwebhu aqhotyoshelweyo

  • aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na i-ISLM ngo-2011
  • amaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo, kunye
  • nenguqulelo esemthethweni yelogo ye-ISLM yokusetyenziswa kwizinto zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). Qaphela ukuba le logo yeyokusetyenziselwa ukupapasha i-ISLM, ayenzelwanga iinjongo zorhwebo.
5. Kucelwa izikolo zeSebe iWCED ukuba zingene kukhuphiswano i-School Library Poster Competition (kodwa ziqale zazise ii-ofisi zezithili zemfundo zazo), ngokuthi zingenise iphowusta ephuhlisa umxholo othi "IILAYIBRARI ZEZIKOLO ZIXHOBISELA ABAFUNDI UBOMI" ("SCHOOL LIBRARIES EMPOWER LEARNERS FOR LIFE"). (Funda isimemo esiqhotyoshelweyo seekhrayitheriya, amahlelo nenye ingcaciso.)

6. U-EDULIS School Library Services unezi nkonzo zilandelayo:

  • Ukuququzelela nokunika inkxaso kuphuhliso nosetyenziso lweelayibrari zesikolo
  • Ukuququzelela nokunika inkxaso kuqeqesho kwizinto zokuqala ezisisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kwabo titshala baphethe iilayibrari zezikolo
  • Ukuhlalutya izibonelelo zelayibrari aze anike ingcebiso ngazo ukuxhasa iiprogram zokulwazi lokufunda nokubhala nolokubala
  • Ukunika inkxaso nokuququzelela iiprojekthi ezizodwa zelayibrari yesikolo
  • Ukunika inkxaso nengcebiso ekuthengweni kwezibonelelo zelayibrari ngemali evela kwingxowa yoLwabiwo-mali ngokweMigaqo neMigangatho nakwingxowa yayo
  • Ukunika ingcebiso kootitshala nakubafundi ngokufunda (reading)
  • Ukutyelela izikolo ukuya kwenza iintetho ngeencwadi (book talks)
  • Ukukhuthaza iziganeko ezibalulekileyo ezimalunga nelayibrari, ulwazi lokufunda nokubhala, ukufunda, neziganeko ezingeencwadi (book events), ezinjengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe noSuku lweeNcwadi kwiHlabathi Jikelele (World Book Day)
  • Ukwenza iiseshoni zokuqhelaniswa nomsebenzi zenzelwe ootitshala besikolo njengenxalenye yophuhliso lwabo kumsebenzi abawuqeqeshelweyo
  • Ukwenza iikhathalogu zeencwadi kwiilayibrari zezikolo.
7. Kungaqhagamshelwana nala magosa akwa-EDULIS nawezithili alandelayo ngokumalunga nezi nkonzo zidweliswe kumhlathi 6 apha ngentla:

Khosi Mabandla School Library Adviser, Metro East Education District ifoni 021 900 7013
Ferdie Jacobs Metro South Education District ifoni 021 370 2032
Janine Ontong School Library Adviser, Cape Winelands Education District ifoni 023 348 4657
Faith Lawrence School Library Adviser, West Coast Education District ifoni 021 860 1229
Sara Clegg School Library Adviser, Overberg Education District ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto Metro North Education District ifoni 021 938 3197

8. Njengoko engekho umcebisi ngezelayibrari yesikolo kwiSithili seMfundo i-Eden and Central Karoo nase-Metro Central Education District, ngoko ke ukuphendula izicelo ezininzi ezivela kootitshala abasezikolweni abacela iingcebiso ngelayibrari yesikolo, okwakalokunje kungaqhagamshelwana naba basebenzi bakwa-EDULIS School Library Services balandelayo:

Rose Damon
Theresa de Young
EDULIS, Bellville
EDULIS, Bellville
ifoni 021 957 9626
ifoni 021 957 9638

9. U-EDULIS Library ubolekisa ngeqela leencwadi ngaxeshanye (block loans) ezikolweni ukuxhasa iilayibrari zezikolo. Iiyure zokuvula zale layibrari zezi zilandelayo:

Ngeentsuku zeveki :
NgeMigqibelo:
Uyavala ngeentsuku :
Uyavala ngeentsuku :
07:30 - 16:30
09:00 - 12:00
zeeholide zesikolo
zeeholide zikawonke-wonke nangeentsuku ezithile


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WEZOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2011:09:29

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 40 KB)
UKHUPHISWANO LOKWENZIWA KWEPHOWUSTA YAKWA-EDULIS LUKA-2011  (ubukhulu: 57 KB)