1. Ulawulo lwezicelo zezikim zothutho lwabafundi (learner transport schemes) (LTSs) luye lwayinto exhalabisa kakhulu njengoko uqikelelo lubonisa ukuba imfuneko yothutho lwabafundi kwiphondo iya isanda ngesantya esothusayo. Iindleko zokuxhasa ngemali le mfuno ekhula ngamandla ziye zanda kakhulu, nto leyo ekhokelele ekubeni kuwiswe imiqathango nolawulo olungqongqo ukuhluza kakuhle inkqubo yezicelo.
2. Makwenziwe ucwangciso olufanelekileyo ziinqununu, zibambisene nabasebenzi bee-ofisi zezithili zemfundo, xa kubhaliswa abafundi abatsha kunye/okanye xa kuqaliswa ii-LTS ezintsha.
3. Makuzaliswe isicelo esixhaswa zizizathu ezivakalayo ngokupheleleyo sokucela uthutho lwabafundi singeniswe kwaNdlunkulu ngomhla osewugqitywe kwangaphambili ukuqinisekisa ukuba izicelo ziyavunywa kuze kubonelelwe ngezothutho lwabafundi ngokukhawuleza.
4. Iindlela ezintsha eziza kuhanjwa kukhethwa ukuba, ziqaliswe kwakuqaleni konyaka wesikolo.
5. Umhla omisiweyo wokungeniswa kwezicelo zee-LTS zizikolo kwii-ofisi zezithili zemfundo, iyakuba ngumhla we-14 Septemba 2011 ukwenzela ukuba ziqwalaselwe nguSekela Mlawuli weeNkonzo zeZiko. I-ofisi yesithili semfundo mayingenise ZONKE izicelo zee-LTS eziza kuphunyezwa ukuqala nge-1 Januwari 2012 kuMlawuli oyiNtloko wezithili zeMfundo (Attention Mr R Larney) ungekadluli owe-30 Septemba 2011. Izicelo ezingeniswe ixesha selidlulile kwiCandelo leNkxaso yeziBonelelo kumaZiko ziya kubuyiselwa kwi-ofisi yesithili semfundo.
6. Izicelo ezifike emva kwexesha aziyi kuqwalaselwa, ngaphandle kokuba ziphelekwa yinkcazo ebhaliweyo neyamkelekileyo.
7. Emva kokuba zivunyiwe izicelo, ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwaziswa ngeziphumo ezo.
8. Ii-ofisi zezithili zemfundo maziqinisekise ukuba bonke abachaphazelekayo bayaziswa kwangethuba.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO
UMHLA: 2011:08:24