1. Amaxwebhu eeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) aya kuphunyezwa kwiBakala 10 ngo-2012.
2. ISetyhula 0006/2011 (yomhla we-25-03-2011), yazisa izikolo ngokuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubonelela ngeencwadi kumfundi ngamnye kwizifundo ezisixhenxe ezifundwa ngabafundi beBakala 10 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo phambi kokuqala konyaka wezifundo ka-2012.
3. Ukwenza amalungiselelo okuthengwa kweencwadi zeCAPS zeBakala 10, kucelwa izikolo zizalise isiHlomelo A, esibonisa inani lazo lobhaliso lwabafundi eliqikelelweyo (projected learner enrolment) kwiBakala 10 ngo-2012 kuzo zonke izifundo zekharityhulam ye-FET evunyiweyo yesikolo, ngokwezifundo zonyaka ozayo ezikhethwe ngabafundi.
4. IsiHlomelo A esizaliswe ngokupheleleyo masibuyiselwe kwi-Ofisi yeLTSM engadlulanga Ngomvolo we-29 Agasti 2011. Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo zinokuthunyelwa ngefeksi apha 086 763 3377, okanye ziskenwe zithunyelwe nge-imeyili apha LTSM@pgwc.gov.za okanye ziziswe ngumntu ku-Ms L Bredenkamp, kwi-Ofisi No. 15-05, 15th Floor, Golden Acre Offices, Cape Town.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:08:23

"Grade 10 Learner enrolment in public schools by subject and LOLT"  (ubukhulu: 62 KB)