1. ISebe loPhuhliso lwezoQoqosho nezoKhenketho (The Department of Economic Development and Tourism) eNtshona Koloni liqulunqe isikhokelo sokunceda abafundi bamaBakala 10 - 12 ekukhetheni ikhondo lomsebenzi kwezokhenketho ekupheleni kweCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Band) (FET)).
2. Esi sikhokelo siya kunika abafundi bamaBakala 10 - 12 ingcaciso ngamakhondo omsebenzi ahlukeneyo kushishino lwezokhenketho kwaye injongo yaso kukuxhasa abantu abatsha ekwenzeni izigqibo ngezifundo ezilandela emva kweBakala 12.
3. Isikhokelo samakhondo omsebenzi siya kudwelisa amakhondo omsebenzi angama-24 kwezokhenketho, akhethwa ngothetha-thethwano neTHETA, eligunya elijongene nokuphuhliswa kwezakhono kwezokhenketho. Amakhondo omsebenzi adwelisiweyo afuna izakhono ezifunwa kakhulu kushishino lwezokhenketho.
4. Onke amaziko afundisa ezoKhenketho njengesifundo se-FET aya kufumana iikopi ezingama-200 zencwadana, emazinikwe abafundi bamaBakala 10 - 12.
5. Le ncwadana iya kuthunyelwa ukususela nge-1 Juni 2008 kwaye kufuneka ihanjiswe ngutitshala wezoKhenketho kwiziko elo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bezoKhenketho.


ISAYINWE: NGU- P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:16