1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) likuthatha njengokubaluleka gqitha ukwazisa abafundi ngamathuba amakhondo emisebenzi anokulandelwa ngabafundi yaye lo Mboniso wamaKhondo eMisebenzi uchazwe apha ngentla uyinxalenye yomBhiyozo weKapa eliThanda ukuFunda, nonika ithuba elihle ngokukodwa lokwazisa ngamathuba alolu hlobo.
2. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zilisebenzise eli thuba ngokuthi zizise abafundi bamaBakala 9, 11 no-12 kulo mboniso khon' ukuze babenako ukuqhelana nentlaninge yala makhondo emisebenzi kwiinkalo ngeenkalo zemingxilo yemfundo yaye bakwazi ukukhetha izifundo ezifanelekileyo abafuna ukuzilandela kumaziko ngamaziko emfundo ephakamileyo. Ootitshala bezifundo zoLwazi ngezoBomi (Life Orientation) kwakunye nabeeNgcebiso ngamaKhondo eMisebenzi (Career Guidance) baya kuba nethuba lokuqhagamshelana nabo bonke abenza imiboniso ukuze bakwazi ukubhekisa okuyimfuneko kubo kwixa elizayo.
3. Ukwenza eli thuba libe ngamava ayinzuzo enkulu kwimfundo, bayakhuthazwa abafundi beBakala 9 ukuba beze nephepha lemibuzo lePACE eliyigrafu eprintwe ngekhompyutha lezinto abanomdla kuzo baze balisebenzise njengesikhokelo xa besenza uphando ngezifundo namakhondo emisebenzi abangawakhethayo. Iziphumo zoku zingaba ngamaqalela kuphando oluqhubela phambili nakwiingxoxo zabo xa beseziklasini.
4. Abafundi bamaBakala 11 nele-12 mabazalise ifom yephepha lemibuzo eliyi-quiz nabaza kuyinikwa xa befika kwiholo yombhiyozo. Injongo yale quiz kukukhuthaza abafundi nokubanika inkxaso yokuba mabaphonononge baphicothe umboniso bejolise ngqo kokuthile nangenjongo ethile. Eli thuba ngoko ke alizi kuqinisekisa nje kuphela ikhondo elikhethwa ngumfundi, koko kwakhona liza kudala umdla lize libe ngumkhomba-ndlela kwabo bafundi bangekathathi zigqibo ngamakamva abo.
5. Ziyabongozwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise ootitshala boLwazi ngezoBomi kunye nootitshala beeNgcebiso ngamaKhondo eMisebenzie ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane. Ukulungiselela ukufika kwezikolo ngocwangco e-Cape Town International Convention Centre, izikolo ezinqwenela ukuza kulo mboniso mazizalise iphetshana lempendulo eliqhotyoshelweyo zize ziliposele kule dilesi: PACE Project Manager, Ms BJ Prince, kwaNdlunkulu. Malifike ke kuye ungekadluli owama-22 Julayi 2005. Kungenjalo, lingafekselwa kuye ngale nombolo 021 467 2258 okanye lithunyelwe nge-imeyili kuye apha: bprince@pgwc.gov.za ungekadluli lo mhla ubekiweyo.


ISAYINWE: NGU-V.W. DEACON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:22

Learning Cape Festival: Information Sheet  (ubukhulu: 29 KB)
Reply slip  (ubukhulu: 6 KB)